Bayadlala ngothando lwam,bayadlala ngenceba yam,bandimoshel'ixesha lam
Bawuhlukumezile umphefumlo wam,Bayidandathekisile intliziyo yam.Ndixhelekile,ndibelixhoba lothando
Uzondibuz'ukuba ndithetha ngabani na?nditheth'angabo abafana basemhlabeni,bonk'ebandithembisizulu nomhlaba,bonk'ebandithembis'ulonwabo. Kodwa hay badlale ngam,hay badlale ngam
Bendizixelel'ukuba ndihlakaniphile,bendizixelel'ukuba ndikrelekrele,bendicinga ukuba nam ndazi konke kodwa hay badlale ngam
Bandifundisile ukuphila,bandifundisile nokuzimela,abaphinde badlale ngam,mna hay sendibonile.Uthando lwalemihla,lwalomhlaba lunemida.Likushiya uthwaxekile ... intliziyo yakho intywila egazini,de uyive ngathi ilihlwili
English translation:
They playing with my love, they playing with my mercy, they wasting my time and they hurting my soul.
I'm heartbroken, my heart is bleeding cause they made me a victim.
You going to ask who am I talking about, I'm talking about men in this world. They've all promised me heaven and earth but they played me. Oh they played me. I thought I was clever, I thought I knew everything but they played me. Oh they played me.
They have taught me a life lesson, to stand on my own by my own. They will never play me again because now I have seen it all. Today's love is conditional, it has boundaries, it leaves your heart bleeding and broken.

Teken in op LitNet se gratis weeklikse nuusbrief. | Sign up for LitNet's free weekly newsletter.

